Amazwi avela kwiGosa eliyiNtloko
E-GEMS siyamamela xa amalungu ethetha. Siyazingca ngenqobo yethu yothungelwano olucacileyo kwaye sihlala sicinga ngokwenza imigudu yokuqinisekisa ukuba amacandelo ezibonelelo zethu kunye neenkonzo zethu zibhekisa kwiimfuno zamalungu ethu.
Ndinemincili ngokunazisa ngezibonelelo zika-2010. Kolu luncwadi kukho ulwazi oluthe xhaxhe malunga ne-inshorensi yokhathalelo lwempilo efikelelekayo nenentsebenzo onokuthi wena, njengelungu le-GEMS, ube nokufikelela kuyo ngo-2010. Siyakukhuthaza ukuba ukhethe elona candelo lifanele iimfuno zakho nezosapho lwakho.
U-2009 ibingengonyaka ulula kodwa i-GEMS iye yaqhubeka nokugqwesa. Besinemincili sibhiyozela ukufika kwinqanam loku-inshora abantu abafike kwisigidi esinye, nto leyo ekwenza ube ngokhethekileyo! Le mpumelelo ibeka i-GEMS phambili kushishino lweengxowa-mali zonyango, ngezibonelelo azingadingi kuchazwa. Siyeyona ngxowa-mali ivalelekileyo inkulu apha kweli, nto leyo ekwenza ube yinxalenye yengxowa-mali eyomeleleyo nekhuselekileyo ngokwezemali, nekhathalele iimfuno zakho.
Ukuzingisa kwethu sikhangela ukugqwesa bubungqina bokuzinikela KWETHU kuni, kwiimfuno zokhathalelo lwempilo yenu kunye nakwizinto enizikhethayo. Kwesi salathiso sichaza amacandelo ethu amahlanu afikelelekayo - ukuze sikuncede ukhethe unolwazi lokuba leliphi na icandelo lezibonelelo elilelona lifanele iimfuno zosapho lwakho ngo-2010.
Imirhumo ka-2010 iqala kuma-R424 kwaye sikwazile ukugcina umlinganiselo wokunyuka kwemirhumo kuwo onke amacandelo uyi-10,8% xa udibene. Iitafile zemirhumo ka-2010 zifakiwe kwesi salathiso ukuze ubone kakuhle ukuba ukunyuka kwemirhumo kuyakuyichaphazela njani na ipokotho yakho.
UKUZIKHETHELA. Izibonelelo eziyilelwe ukwenza ube sempilweni ngaphezulu yaye wonwabe ngaphezulu!
Ukuzinikela kwethu. Izinto ozikhethayo
Ekupheleni konyaka ngamnye sinika amalungu ethu ithuba lokutshintshela kwelinye icandelo lezibonelelo. Ukuze ukhethe kufuneka ucingisise ngeemfuno zakho zokhathalelo lwempilo, ngezibonelelo ezifumanekayo kwicandelo ngalinye kwakunye nemirhumo yenyanga.
Nceda ucingisise ngale nto kuba uvumeleke ukutshintsha icandelo lakho kube kanye ngonyaka. Ukuba ufuna ukutshintsha icandelo lakho ngo-2010, nceda ulandele la manyathelo mathathu alula alapha ngezantsi. Khumbula ukuba ifomu yakho "Yokuzikhethela" kufuneka ifike kuthi ngomhla okanye phambi komhla wama-30 kuNovemba ka-2009.
siqhagamshele
Esi salathiso sishwankathela iinkalo ezahlukileyo ze-GEMS. Senzelwe ukujonga izinto ngokukhawuleza kuphela, asenzelwanga ukuthatha indawo yemigaqo yeNgxowa-mali. Ukuba kunokubakho ingxwabangxwaba, kuyakusetyenziswa le migaqo ibhalisiweyo.
